Hearing the silent voice
 

isi XhComaCARE
Ukuva ilizwi elithecwaka

 

 


iComaCARE yintshukumo entsha esekwe ziingcaphephe kwezempilo namalungelo oluntu, amalungu osapho kwakunye nabongi abanjongo ikuku phuhliso inkonzo yokonga abo bakwikoma kuluntu jikelele. Lo mbutho ukholelwa kwinto yokuba abo bakwikoma ngabantu abaxhamla ubomi.

UMBONO WETHU
Abantu abakumanqanaba ngamanqanaba ekoma banikwa ithuba lokuphila
ngokupheleleyo kwanokuthatha inxaxheba kwizigqibo ezimayela nokongiwa kwabo, kanye nemeko abakuyo.

INJONGONKULU YETHU
Sizimisele ekukhuthazeni ukongiwa ngendlela ye ComaCARE kwezempilo jikelele, kwezentlalakahle nangokomthetho kuma-Zantsi eAfrika.
Oku sikwenza ngezindlela:
Uqeqesho kwindlela yokuqhagamshelana
Advocacy for coma care provision in legislation and living wills.
ComaCARE ngokusemthethweni nakwimiyolelo
Yabaphilayo (living wills).
Uphando-nzulu, kwezomthonyama nakwamanye amazwe.
Ukufundisa uluntu jikelele ngendlela yokukhuthaza iComaCARE.

  • Sixhasa zonke iinzame zokwakha imibutho esekelwe kwindlela zokusebenza ze ComaCARE.


    OKUXABISEKILEYO KUTHI
    Sikholelwa ukuba izigulana zekoma zinelungelo loku:
    ïZithethela ngabakufunayo namangakufuniyo ngonyango lwabo ngelixa
    bekwikoma ïFumana ikhansilingi ngemeko abakuyo.
    ïBa usapho lwabo luxhaswe kwaye luqeqeshwe kwiindlela okunxulumana nomntu okwikoma.
    ïZigqibela ngendlela yobom nokufa.
    Sikhuthaza:
    iUkwamkeleka nenimba kuye wonke othi azame ukusondela kulowo okwimeko yekoma.
    iUmoya wentsebenziswano kwabo banomdla nenkathalo, kwakunye
    nabachatshazelwayo yimeko yekoma.
    iUkuzithoba kwabo bafundayo, nokuhlala sikhumbula ukuba amava abo baphila kwikoma alijelo lwemfundo kuthi.

    Qhagamshelana nathi apha:
    Jan Webster 09 27 (21) 797 9995 ï info@comacare.com ï www.comacare.com